Unyana Kanokhitshi

R180.00

Intsokolo yabantu abaMnyama eMzantsi Afrika yalinywa, yatyalwa ngokohlobo lokuba ingaze isombululeke. Oomama bethu basebenza emakhitshini, bephetheke kakubi; iintombi zabo zavelela, zakhulela kula makhitshi. Nazo zasebenza kuwo nabazo abantwana bakubasexabisweni lokusebenza, phofu impathombi ingenasiqabu. Kunjalo, oomama basemakhitshini bakhulise amagqwetha, ootitshala, amapolisa, ngothando kodwa lungekho, olukhoyo lunikwa abantwana babeLungu. Le nto yakhokelela ekubeni kulahleke uhlobo abantwanarnabaNtsundu abafundiswa ngalo, akwabikho bani wakuthi “hogayi”, kusakulahlekwa.