Ivamna Bafazi Bolusu

R180.00

Ivamna, sisiqholornsobuthi ekuthi kutyhefwe ngaso indoda ekhathazayo ngoomakoti. Injongo kukuba umyeni lo, angaboni sele etshabalala, phofu ecinga ukuba unothando kungenjalo uyathandwa. Sizwendini sakowethu, nantsi ke ivamna enomahluko, ngoluchwe nencindi yosiba, yaqungwa nesihobe sesiXhosa. Bantwana bethu, zizibhembe nezinwe ezi. Ngale incwadi kuqoqwa nina, ngokuthirnkubonakaliswe ukuba ubomi bamaXhosa abusoloko busayanyaniswa nesilungu. Umnturnuyachubeka engakwazi ukuthetha isilungu, nje ngokwazi izinto ezakha umntu. Bahlohli, nonke niphela, nali igqange lelitha enimele ukulisebenzisarnukulwa nobukhoboka kwilizwe lethu. Ubukhoboka endithetha ngabo, kukuba iintsanarnzethu zenziwe abelungu abamnyama, kangangokude zicekise nantoni enobuXhosarnnenesiXhosa. Idabi elichasene nokuba ubuntu bethu buyanyaniswe nobutyhakala liyaqhuba. Ukwenziwa abantu abamweke sintsundu mabuliwe madelakufa, iinkomo azinakumkarnkuphele magwalandini. Andiphakamisi nto nam, koko ndithi nantsi "Ivamna", khanicakathise. Fundani bantwana bethu.